Who is wenbro?

Injongo Yethu KwaWenbro

Injongo yethu kukuba yinkampani ephambili nenokuthenjwa yezixhobo zokusebenza ezifikelelekayo nezikumgangatho ophezulu. Sifuna ukunikela iinkonzo zethu kuMzantsi Afrika uphela size sibe yinkampani ewuxhome waphezulu umgangatho kwezinye ezenza olu shishino.

Oko Sizimisele Ukwenza KwaWenbro

Sifuna ukurentisa ngezixhobo ezinokuthenjwa, ezinganiki ngxaki kwabo bazisebenzisayo nto leyo eza kuthetha ukuba abathengi bethu abazukuba nastres baze babe nexesha elingakumbi lokusebenza esayithini; ukuthengisa izixhobo zokusebenza ezifikelelekayo nezikumgangatho ophezulu kunye nokulungiswa okukumgangatho ophezulu kubathengi abanengxaki nobuxhakaxhaka bale mihla nto leyo esisiseko ekwenziweni kwezixhobo ezinokuthenjwa nezikumgangatho ophezulu.

Amazwi Esiphila Ngawo KwaWenbro

1. Umthengi Makabi Kwindawo Yokuqala
2. Thetha Kakuhle, Ngendlela Evakalayo Nangembeko
3. Hlala Ukulungele Ukuva Nokubona Inyaniso
4. Ungaze Uyeke Ukufunda. Nanini Na.
5. Yenza Yonke Into Ngokuzimisela
6. Baphathe Ngembeko Abathengi, Abantu Osebenza Nabo Kunye Nabeenkampani Ezisebenzisana Nathi
7. Yiba Nobuntu

Read our Vision, Mission & Values in any of the official languages of South Africa

Scroll to Top